I
 intyatyambo zikhiwa zonke kungashiyeki nenye. Amakhadi
athengwa ezivenkileni
okwamagwinya ashushu, Abantu banikana izipho de bangasakwazi
nokuqiqa oku. Eyona nto uyivayo ngabantu abathi Ndicela ubengowam. Oomatshini bokufaka imali ezivenkileni bakhala abayeki. Abantu bayikhupha ngesantya esiphezulu imali ebhankini kunokuba bayifake. Abantu abaphana izipho batsho ngolukaBlankethe uncumo.
yiValentine Day ethatyathwa ngokuba yimini yabantu abathandanayo. Oko kubonisa ukungabikho kothando. lndlela ekuphoxa ngayo into yokubona abantu bakowethu bethe phithi bububhanxa obunje. Ndiza kuzifumanela isithandwa uya kuva omnye umntu esitsho. Ngaba luluphi olo thando athetha ngalo? Eyona ndlela abantu abafanele bawuchaze ngayo umhia we-14 kuFebruwari kukuthi: Ndinemali esipajini sam, ndineninzi ebhankini kwaye ndikulungele ukuyisebenzisa nawe mtakwethu.
Ngaba awuyikholwa loo nto? Linda nje wena de udibane nenzwakazi eya kukuphandla. Linda de uthi xa uthetha nalo elo nenekazi likuxelele ukuba, Awukho mgangathweni wam okanye lithi Uhamba ngahlobo luni lwemoto?
Ngaba oko kuyakothusa? Abantu kaloku bagxamele ukuzenza abantu abaphila cofileyo kuba befuna ukuthabathekisa amanenekazi afuna uthando lwale mihla.
Ungathini ukuthetha ngokuba uza kuzifumaneta isithandwa ube usahamba ngeteksi? lintombi azikuhoyi xa ungenamoto. izitshixo ozidlalisayo
zezendlu yakho yaye azinakwenza intombi ithabatheke nguwe -ngaphandle kokuba nayo ke izinxilele.
Eyona nto ingayenza ithabatheke intombi kukubona ukuba udlalisa izitshixo zeBMW okanye mnyobo wumbi. Oko ke kungafane kuyenze uyibone isibamba isandla sakho. Kodwa sukuba lingekafiki ixesha lokuba ikuncamise. Oko akuyondlwan iyanetha.
Nendlela othetha ngayo nalo inokunceda. Xa usuka kwindawo ehlala iingcungcu yaye unegama elimnandi ungafumana noko umhlaba uthambile.


Ndinemali esipajini sam, ukanti ininzi esebhankini mtakwethu, ndikulungele ukuyisebenzisa nawe
Emva kokuyixelela apho uphangela khona, uyixelela nabantu abambalwa abadumileyo obaziyo, okanye abantu ocinga ukuba uyabazi (ungalibali ukutsho nokuba uphuma entlanganisweni obunayo noTito Mboweni) uya kuphumelela.
Ungayilibali ikhondom yakho -kuba kubhetele ukhuseleke kunokuba uzisole. Ndiqinisekile awufuni ukuvuka ngemini elandelayo unqwenela ukuba uNkosazana Zuma abe usengumphathiswa wezempilo Usakhumbula ukuba wayesithi kufuneka usaloko usebenzisa ikhondom? Ungathi akukho mntu wakuxelelayo ngesifo esikhuJu kodwa esinegama elincinane.
Kukho inenekazi elicele umhlobo wam uSfiso ukuba alifumanele indoda
ayisebenzi.
Ngoko ke kufuneka uqale umzabalazo omtsha. Ulibale ngepolitiki yasekuhlaleni neyeofisi, cinga ngendlela yokonga imali. Phofu ke ungenzi into eya kumcaphukisa uSteve Tshwete - kungenzeka agqibele ekunqakule okwenja inqakula ithambo, ube wena ubufuna ukuba nomtsalane kwabasetyhini.
Wakuba nayo uya kulifumana lula inenekazi eliza kukuthanda. Zama ukuba imali ingakupheleli msinya kuba uya kuzifumana usengxakini yokuphulukana nalo nzwakazi ubuzifumanele yona. Usakhotelwa ekuthini amazwi ngawona akusebenzelayo? Awukafuni ukuqonda ukuba amanenekazi akakhathali ngabantu abangamaciko. Hayi ke ndikuncamile, kucacile ukuba usisibhanxa esingevayo.
Ndiyathemba ukuba uyawabona amandla okuba nemali. Ndiyathemba ngoku ukuba uyazi ukuba imali yeyona ithetha bhetele kunawe. Uyisebenzise kakuhle imali yakho! 
izimvo zikaThembi
kubhale UThEMBA KHUMALO





Amandla EMALI
esisinhanha. Lifuna indoda enemali entle ebhankini. Alinaxesha lakuncamisana naloo ndoda. Ndiyacinga ukuba inenekazi elinjengeli lisemva nje kwemali.
Ndikhe ndive amanenekazi amaninzi amahle esithi, Ndizomenzani umntu ongaphangeliyo.
Awukaweva amanenekazi xa ethetha ngamadoda adibana nawo? Uya kufika esithi, Ndithetha lowa oqhuba iZ3. Oh tshomam, nditsho lowa obethetha kwiT 18. Uzibonile izihlangu zakhe? Laa ndoda izimisele ngobomi!
Eyona nto ibuhlungu kukuba akasakhumbuli nokuba ibingubani Ioo ndoda igama layo. Eyona nto ayikhumbulayo zizinto ebebezibona kuyo. Akakhathali nokuba intliziyo yakhe okanye eyakho iyachukumiseka ngabo. Ukuba unazo ezo zinto abanangxaki yokukubonisa ebantwini. Eyona nto ayifunayo bubutyebi ayikho enye.
Andizami kukoyikisa kulo mhlathi. Qha ndizama ukukwenza uqonde ukuba wayenyanisile uGwen Guthrie kwingoma yakhe ethi Alukho uthando ngaphandle kwemali. Amanenekazi abhadlileyo afuna indoda enemali ebhankini. Ndiyaphinda ndithi ukuze uthandeke ebantwini basetyhini kufuneka ube nemali eninzi yaye uhambe ngemoto entle, ungahambi ngesikorokoro ekufuneka usiphushe ngaphambi kokuba uhambe.
Libala ngento owayixelelwa lixhwele okanye ngeyeza elikunika amandla kwezothando likaMagubane. Loo nto
12 BONA XHOSA - February 2000
Wakuqonda indlela esebenza ngayo inkqubo yakho yokuzikhusela kwizifo uza kukwazi ukuyila iindlela zokusinda ekulweni nentsholongwane yeA1DS (HIV)


kubalisa uMERCY MAKHALEMELE
IINDLELA ZOKOMElEZA INKQUBO
YOKUZIKHUSELA KOMZIMBA WAKHO
%
Yiya rhoqo ukutyo okunempilo Selo amanzi amaninzi nacocekileyo
Yibo neendibano zesondo ezikhuselekileyo ukuze ungabuye uhlaselwe ziziFo ezidluliselwa ngokuba neendibono zesondo kwanokukhulelwa. zinyange izifo ezihloselayo.
Umzimba wokho wugcine womelele ngokwenza imithumbo
Ngokwasengqondweni
Ziphathe kokuhle
Qonda ngeHlV/AIDS nokuhlangabezana nazo Cingo unethemba (Ndifuna ukuphila) Ululeko lunokuncedo ukuze uqonde intsholongwane yeAIDS ebomini bakho uzame iindlelo zokuphila unayo Zama iindlela zokuziphilisa ukuhlala unexhala ulala nabonye abantu, yamkeleka kwezentlalo uze ukhuseleke ngokomthetha xu ucalucalulwa uwoqo nde
namolungelo akho kwiinkqubo zaluntu nezomthetho
Ngokwemvakalelo
Funa ukuthandwa, ukuxhaswa nokukhaihaleIwa lusapho ubohlobo
Qhelisela ukuba ngumntu ozithembayo Cingisisa ucamngce ukuze uthothise ucinezeleko ngqondweni uhloziye amandla okuzinyanga angaphakathi kuwe
Sebenza nabantu abangacalululi abakwamkelayo obakuxhasayo
Joyina amaqela onokuthetha ngamavu akho kuwo uze uzame ukuhlala uzithembu
Yiba nesibindi sokuzilwela nokulufuna uncedo Ngokomoya
-	Qonda ukuba ukhokelwa enini uze ucele uncedo nenkxaso kwizinyanya, kuThixo, kuAllah okunye nuluphi
no uhlobo lokomoya olunokukuncedu nolwaziyo
I
 GAMA elithi AIDS sisishunqulelo samagama athi (Acquired lmmune
Deficiency Syndrome). Xa
unentsholongwane YeAIDS inkqubo yokuzikhusela komzimba wakho inokuba
buthathaka.
Kodwa inkqubo yokuzikhusela komzimba wakho inamandla kunokuba ucinga, iyakwazi ukulwa nentsholongwane yeAIDS. Ukuze uyakhe kwaye uyixhase inkqubo yokuzikhusela komzimba kubalulekile ukuyiqonda.
lnkqubo yokuzikhusela komzimba yinxalenye yomzimba engabonakali njengamanye amalungu anjengentliziyo, isibindi nolusu. lfana nomkhosi wokh useleko lwesizwe. Umkhosi ulwa nalo naluphi na utshaba oluhlaselayo, okanye oluyingozi kwisizwe. Ngokufanayo inkqubo yokuzikhusela komzimba ilwa neentsholongwane ezizama ukuhlasela imizimba yethu.
Oku komkhosi inamajoni awahlukahlukeneyo alwa emhlabeni, emoyeni okanye elwandle, inkqubo yakho yokuzikhusela komzimba ilwa kwizigaba ngezigaba. Ukuze ilwe, inkqubo yokuzikhusela komzimba ifuna izixhobo neendlela ezintle
ezifu manekayo.
Ngaphandle kwamayeza alwa neentsholongwane esona sixhobo singcono ongasinika inkqubo yokuzikhusela komzimba wakho kukutya ukutya okunempilo okunokukwazi ukusebenza kakuhle. Ukutya okunemoilo kunika umzimba wakho izondlo ezifunekayo eziphucula amandta neziluncedo ekuthinteleni isifo.
Naluphi na uhlobo Iwesifo luyenza buthathaka inkqubo yokuzikhusela komzimba wakho kungako kufuneka kuliwe naso msinya nangokuphumelelayo. Oku kuquka izifo ezidluliselwa ngeendibano zesondo.
Xa unentsholongwane yeAlDS, kubalulekile ukuba ube neendibano zesondo ezikhuselekileyo ukuzikhusela ekuphindeni uhlaselwe kwakhona yintsholongwane yeAIDS kwanezifo ezidluliselwa ngokuba neendibano zesondo.
Kodwa inkqubo yokuzikhusela komzimba ayisebenzi kuphela emzimbeni. Enye indlela yindlela ophila ngayo, njengokuziyekelela kucinezeleko engqondweni, ukuba neemvakalelo ezilandulayo nezinika ithemba kwanesimo sengqondo ngokomoya, zonke ziba negalelo kwinkqubo yomzimba yokuzikhusela.
14 BONA XHOSA - February 2000
Unentsholongwane yeAlDS esempilweni!
Ukuze ube sempilweni nakuba unentsholongwane yeAIDS, kubalulekile ukuphepha ukusoloko ucinezelekile engqondweni kuquka ukucinezeleka ngokwemvakalelo zama ukuba uhlale udlamkile uzinika ithemba usithi ndiza kuphila, kunokuba ube nexhala lokuthi iyeza imini yokufa kwam.
Ukholo lubalulekile kakhulu xa kuthethwa ngokusinda. Kufuneka sizame ukuzomeleza ngokomoya silufune uncedo. Ululeko, ukucamngca, ukuziqinisa zizixhobo ezinamandla zokuzakha ubuqu nokomoleza inkqubo yomzimba yokuzikhusela nangokwasengqondweni.
Nkqu nokuba intsholongwane yeAIDS iyenza buthathaka inkqubo yokuzikhusela komzimba wakho, unokwenza okuthile ngayo. Nguwe ekufuneka ubone ukuba ukhetha hlobo luni lwendlela yokuphila - indlela yokuphila exhasa neyomeleza inkqubo yokuzikhusela komzimba wakho okanye indlela yokuphila eyenza buthathaka nenceda ukuba intsholongwaye yeAlDS iyitshabalalise, kuze ekugqibeleni amathuba akho okuphila aye ephela.
Xa ndaqala ukuxilongelwa intsholongwane yeAIDS ngo-1993 akukho mntu wandixelela ukuba oku kuza kuthetha ntoni ebomini bam. Kwandithatha iminyaka ukuqokelela inkcazelo ekufuneka ndiyazi ngokuqhubeka emzimbeni wam. Ukuqonda intsholongwane yeAIDS nendlela ebuchaphazela ngayo ubomi bam kundomelezile ukuze ndiphile ndinethemba ndisempilweni. 
APHA NAPHAYA
UGqr Wilkie Kambule, ucraigYoe (weYoe Studio, eUSA), uCoenie Venter (inqununu yaseclarens
Primary), uYvonne Pelte (weSebe leMfundo), uLiest Lobuscher (weHot dogz lnc) noBaby Jake Matlala
ABANTWANA ABAKHETHEKILEYO
lClarens Primary School eFree State igqwesile kuba iphume tanci kukhuphiswano lwezikolo i Youre Special. lR20 000 ibe libhaso lokusebenzisa iphulo elithi Youre Special lelizwe kwezikwenzayo nakwicurriculum. lbhaso lesibini le-1O 000 liye kwiHillside Primary School eKapa laza elesithathu ibhaso le-R5 000 laya kwiKoot Niemann Primary School eBloemfontein. tshumi labafikelele kumanqam ngamnye kulo ufumene i-fl1 000. lphulo lezikolo elithi Youre Special belijoliswe ukuphucula ukuzihlonipha kolutsha. Umyalezo obalulekileyo weli phulo ibe zizixhobo zokwakha intsapho eyonwabileyo nenemveliso nto leyo ephumela kuluntu nakwilizwe elinenkqubela, lo ngumyalezo obalulekileyo kuluntu lwethu olucinezelekileyo noluzintlalu-ntlalu. Abanikele ngemali kweli phulo - yiSasko Sam Bread, iBlue Band Margarine, lllovo Syrup, abakwaColgate nabakwaBokomo Weet-Bix - bebebambisene ukuze kubekho eli phulo liyimbumba eMzantsi Afrika nelikwancede izikolo zibe nosukelo olubalulekileyo olunemfundiso nenkqubela. lzikolo bezinokuba nenxaxheba ngeendlela ezininzi kuquka iinkqubo eziphakathi kwezikolo, inxaxheba yezikolo ngezikofo noluntu okanye amaphulo okunyus imali. Umxholo ebijolise kuwo iClarens Primary uthi Usapho lukhethekile yaza yayila iibhokisi zokuxabisekileyo elusatsheni ezingama-91 1 nezincede abafundi bathethe ngeengxaki xosapho baze bazame ukufumana izisombululo kuzo. Abafundi babe nenxaxheba kwiphulo elithi Adopt-A-Cop.
ABAZUZE IMICROWAVE YAKWADEFY
Bafundi beBONA abalandelayo eningama-20
sivuyisana nani nizuze ezi zitovu kukhuphiswano
lwethu ngoNovemba:
N.	Msiza, Middelburg; N. Malapane, Groblersdal; A.
Moke, Heidelberg; A. Mashigo, Pretoria; M.
Motebele; T. Tshabalala, Madadeni; Z. Mohluli,
Bosbokrand; T. Mmathapelo, Crosby; K. Sibiya,
Tsakane; V. Mefame, Selosesha; M. Molibeli,
Witsieshoek; N. Myataza, Zwide; G. Nzenze,
Somerset East; T. Nisabo, Queenstown; C.
Ndlangana, Motherwell; F. Zwane, Underberg; E.
Madiba, lmpendle; T. Sibisi, Greytown; M. Spies,
Ladismith:	W. Maphanga, Acornhoek.
ABAZUZE ICD KAWHITNEY HOUSTON
Nani kwakhona bafundi bethu beBONA abangama-20 nizuze
ezi CD kushicilelo lweBONA YETHU ngookthobha:
B.	Mpungose, Ermelo; W. Nkosi, Manzini; N. Dlamenze,
Esikhawini; B. Nkumane, KaBhokweni; S. Mokoena,
Bloemfontein; W. L.uxomo, Whittlesea; S. Dambuza,
Khayelitsha; D. Nonzafa, Engcobo; R. Rossouw, Pietersburg; W.
Mngoma, KwaThema; N. Tantla, Soshanguve; N. Sello, White
City; R. Khazamula, Mahwelereng; W. Dlomo, KwaMashu; C.
Mvelase, Villiers; E. Khuzwayo, Devon; V. Kgosimang,
Mafikeng; H. Ncongwane, Thutamahashe; P. Hadebe,
Dlangezwe; H. Motlokwa, Witsieshoek.



WONK UMNTU MAKABE MHLE
Ukuboniswa okukhulu kwabayili befashoni bamazwe ngamazwe nabaseMzantsi Afrika kwanabalungisi boonobuhle nokungazange kwabonwa kuza kuba seMzantsi Afrika kwindawo endye eKapa nasejohannesburg kute nyanga
I-International Fashion and Beauty Sale iza kuba seGoodhope Centre eKapa ngowe-18, owe-19 nowama-20 kuFebruwari 2000 naseGaltagher Estate eMidrand ngomhla wama-25 owama-26 nowama-27 kuFebruwari we-2000.
Abaye apho abayi kuphuma nje nezisulu eziyilwe ngabefashoni kuza kubakho nezitayile zeenwele kwaneemake-over, okobuhle nezithambiso kwanemiboniso yeefashoni nto ezo ziya kube zihambisana nabakwaCOKE LITE ukwenza mhle nabani na oze kulo mboniso.
ezolonwaba
AMABHINQA ASEBENZA
KWIZIKHULULO ZOSASAZO
L
 ube luninzi utshintsho kwizikhululo zosasazo kutshanje, kodwa inye into engatshintshwanga. Lixesha lakusasa ukususela ngentsimbi ye-9 ukuya emini emaqanda lixesha elimiselwe abasasazi abangamabhinqa - yaye amaxesha amaninzi adla ngokukhatshwa ngamabhinqa afunda iindaba.
Nangona besaziwa ngegalelo labo kwezosasazo, amajelo osasazo abucala namajelo osasazo asekuhlaleni akwalandela ekhondweni lokwenza amabhinqa asasaze iinkqubo zakusasa. Nanga amanye amabhinqa ekufanele uwazi:
UMinah Pilane -weMotsweding FM
Ukuthi usasazo ekuseni luneenkqubo ezipholileyo zamabhinqa kuyinyaniso emsulwa, ukholelwa njalo uMinah Pilane weMotsweding FM yaseMntla Ntshona -esisikhululo sosasazo soluntu esisasaza ngesiTswana. UMinah ongumama wamantombazana amabini aneminyaka eli-13 nemi-3, ubesasaza inkqubo ethi Nna le wena ukusukela oko waqala ukusebenzela iRadio Mmabatho ngo- 1990. Esi sikhululo sadibana neRadio Setswana senza iMotsweding ekuqaleni kwalo nyaka.
Umxholo wenkqubo yakhe edumileyo iquka umculo omamelekayo neengxoxo ngezinto yinto zasekuhlafeni.
18 BONA XHOSA - February 2000
Ndiqinisekite ukuba ndanikwa le nkqubo kuba kukho inkolelo yokuba ngamabhinqa amamela unomathotholo phakathi kwentsimbi yethoba kusasa nasemini emaqanda. Kodwa izinto zitshintshife maninzi amadoda angasebenziyo ahlala ekhaya amamele umculo kunomathotholo ngelo xesha. Abaphulaphuli bam ngamadoda nabafazi kwaye izinto endithetha ngazo zisichaphazela sonke, utsho uPilane.
Uninzi lwabantu abamfowunelayo ngamadoda, akonwabelayo ukuthetha ngezinto nebhinqa, utsho uPilane, oneminyaka ekuma-30 - Nangona ngamanye amaxesha ezikhusela!
UMinah uyawuthanda umsebenzi wakhe kuba umdibanisa nabantu.
Ndifunde Iukhulu ngokuncokola noluntu neendwendwe zethu estudiyo, uyancuma.
UBertha Charuma -weMetro FM
Umsasazi weMetro FM, uBertha Charuma, usasaza inkqubo yasekuseni ethi Morning Cruise. Uyinzalelwane yasezimbabwe ekungoku nje ehlala eNorthgate
eJohannesburg yaye weza eMzantsi Afrika ekuqaleni kweminyaka yoo- 1980 ezokufunda kwiYunivesithi yaseMzantsi Afrika. apho wabalasela kwipsychology necommunication.
UBertha ubesasaza inkqubo
Funda
ngamabhinqa asasaza
kwizikhululo zethu zosasazo rhoqo kusasa - uve nangeminqweno yawo yengomso
%
kubhale uBONGANI KA LUKHELE
Abaphulaphuli bam bathetha ngokukhululekileyo nam ngeengxaki zabo -uConnie Mashaba.
























DEYSEL
